Amapolisa afuna ulwazi ngokubulawa kwabantu ababini KwaZakhele.
Amapolisa ecandelo leProvincial Organised Crime Investigation eGqeberha acela nabani na onokuthi anike ulwazi olungakhokelela ekubanjweni nasekutshutshisweni ngempumelelo komrhanelwa okanye abarhanelwa abadubule amadoda amabini KwaZakhele ngobusuku bangoLwesihlanu, umhla we21 kweyoMdumba 2025.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uCaptain Sandra Janse Van Rensburg, kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yesibhozo ebusuku, abahlali beva izithonga zompu kwisitalato iSakuba, eZwide, emva koko yabaleka imoto.
“Kuthe kwathi cwaka, abahlali bafumanisa la madoda mabini elele kwipavumente enamanxeba amaninzi eembumbulu emzimbeni.
“Unobangela wesi siganeko awaziwa kwanabarhanelwa ngokunjalo, kwaye uphando lusaqhuba. Amagama ababhubhileyo aza kukhutshwa xa izalamane zabo zifanise zachonga imizimba yabo,” utshilo uJanse Van Rensburg.
Nawuphi na umntu onokuthi ancede amapolisa ngolwazi ukusombulula eli tyala uyacelwa ukuba aqhagamshelane negosa eliphandayo uDetective Lieutenant Colonel Monde Sitole ku082 457 2812 okanye iCrime Stop ku08600 1011 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane.
Abantu banokuthumela imiyalezo ngeMySAPS App. Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.
Related Topics: